Jeremiah 26:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati akuva ukumkani u‐Yoyakime, nawo onke amaṙoti ake, nazo zonke inkosana, amazwi ake, wafuna ukumkani ukumfisa: kodwa kwakuviwa ngu‐Huriya, waza woyika, wesaba, wafika e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waweva ke ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala.Weva u-Uriya, woyika, wasaba waya eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waweva ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala; Weva ke u-Uriya woyika, wasaba, waya eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uJoyakim kunye namagorha akhe neziphathamandla zonke wafuna ukumbulala akuliva udaba lwakhe. Wathi akuyiva loo nto u-Uriya, wasabela eJiputa.