Jeremiah 26:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ukumkani u‐Yoyakime wasusa amadoda ukuya e‐Jipete, u‐Elinatane unyana ka‐Hakebore, namadoda atile kunye naye, ukuya e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, enamadoda athile, baya eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, namanye amadoda eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uJoyakim wamthumela eJiputa apho uElinatan unyana ka-Akebhore, eneqela lamadoda, ukuba aye kumlanda u-Uriya.