Jeremiah 26:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ada ampumisa u‐Huriya e‐Jipete, amzisa kuye ukumkani u‐Yoyakime, owambulala ngesiṙele, waposa isidumbu sake emancw̔abeni osapo lwabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamrhola u-Uriya eYiputa, bamzisa kukumkani uYehoyakim;wambulala ngekrele, wasiphosa isidumbu sakhe emangcwabeni oluntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamkhupha u-Uriya eYiputa, bamzisa kukumkani uYehoyakim; abo bambulala ngomkhonto, isidumbu sakhe basiphosa emangcwabeni abantu nje abaqhelekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babuye naye eJiputa, bamsa kukumkani Joyakim, owathi u-Uriya makaxatyelwe ngekrele, umzimba wakhe uye kulahlwa apho kungcwatyelwa khona abantu abaphantsi.)