Jeremiah 26:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhlaumbi baya kuva, baguquke abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, ukuze ndibe nosizi pezu kwobubi endicingileyo ukubenzela bona, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mhlawumbi baya kuva, babuye elowo endleleni yakhe embi, ndizohlwaye ngenxa yobubi endicinga ukubenza kubo, ngenxa yobubi beentlondi zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kunjalo, baya kuphulaphula baze baguquke, ngamnye endleleni yakhe embi, ukuze ndizisole ngobubi endicinga ukubenza kubo ngenxa yobubi bezenzo zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlawumbi bangeva aba bantu, elowo aguquke ayiyeke imikhwa yakhe emibi. Nam ke ndorhoxa ekubahliseleni intlekele njengoko besendigqibe ukwenjenjalo ngenxa yezenzo zabo ezimdaka.