Jeremiah 26:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, nxa abegqibile u‐Jeremiya ukuteta konke uyehova abemyalele ukuba akutete kubo bonke abantu, bandula abaperisite, nabaprofite, nabo bonke abantu, bambamba, besiti: Uya kufa ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, ekugqibeni kukaYeremiya konke abewiselwe umthetho nguYehova ukuba akuthethe kubantu bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, bathi, Inene, uya kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, akugqiba uYeremiya ukuthetha konke awayemwisele umthetho uYehova ukuba akuthethe ebantwini bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, besithi, Inene, uya kufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe nje akugqiba ukuthetha yonke loo nto kwakuthiwe aze ayithethe nguNdikhoyo, ababingeleli nabashumayeli, bekunye nabantu bonke, bamthi hlasi, bathi: “Uza kufa wena!