Jeremiah 26:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinina ukuba uprofiteshile ngegama likayehova, usiti: Lendlu yoba njenge‐Shilo, nesisixeko socitakaliswa, singabi nabemi? Baye bonke abantu behlanganisene ngakuye u‐Jeremiya endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, lo mzi ube linxuwa, ungabi nabemi?Babizelwa ndawonye bonke abantu kuYeremiya endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, nesi sixeko sibe linxuwa, singabi nammi? Yaye bonke abantu bahlanganisana kuYeremiya endlwini kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kutheni ukuba ushumayele ngegama likaNdikhoyo uthi le ndlu iza kufana neShilo, esi sixeko sitshabalale sibe yinkangala ngamanxuwa, singahlalwa mntu?” Bamvingcela kuloo ndlu kaNdikhoyo uJeremiya bonke abantu.