Jeremiah 27:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EKUQALENI kwobukumkani buka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, leza elilizwi ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi kuYeremiya, liphuma kuYehova, lisithi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuqalekeni kobukumkani bukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esaqala ukulawula uZedekiya, unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, lisithi: