Jeremiah 27:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bona beprofitesha ubuxoki kuni, ukuze nifuduswe kude elizweni lenu, nokuba ndinigxote, nize nibube.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba baniprofetela ubuxoki, ukuze nigxothwe ezweni lenu; nokuba bendiya kunigxotha, nitshabalale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Banishumayeza ubuxoki abo; bona baya kunibangela ukuba nikhutshelwe kude kumhlaba wenu. Ndonichitha-chitha nitshabalale.