Jeremiah 27:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuyinina ukuba niya kufa, wena nabantu bako, ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo, njengokuba uyehova etetile ngakuso isizwe esingayi kumkonza ukumkani we‐Babilone?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba ufe, wena nabantu bakho, likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, njengoko akuthethileyo uYehova ngohlanga olungayi kumkhonza ukumkani waseBhabheli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kutheni na ukuba nife, wena nohlanga lwakho, ngekrele, ngendlala nangendyikitya yokufa, njengoko watshoyo uYehova ngohlanga ukuba ukumkani waseBhabhiloni akayi kumkhonza?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngani ukuba nizibulalise ngekrele, nendlala, nobhubhani, zinto ezo eziya kuthunyelwa nguNdikhoyo kwisizwe esingafuni ukuthobela ukumkani waseBhabheli?