Jeremiah 27:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndingabatumanga, utsho uyehova, koko beprofitesha egameni lam ngobuxoki, ukuze ndinigxote, nize nibube, nina nabaprofite abaprofiteshayo kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam, ukuze ndinigxothe, nitshabalale, ninanabaprofeti abo baniprofetelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam; Ndonigxotha ke, ndinitshabalalise, nina nabaprofeti abaniprofetelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abathunywanga ndim abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bathetha ubuxoki egameni lam. Ngoko ke ndonigxotha, nitshabalale kunye nâbo bashumayeli banishumayeze ubuxoki.”