Jeremiah 27:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pofu ukuba bangabaprofite, nokuba ilizwi likayehova liko nabo, mabake batandazele kuyehova wemikosi, ukuba impahla eziseleyo endlwini kayehova, nasendlwini yokumkani wo‐Juda, nase‐Yerusaleme, zingayi e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba bangabaprofeti, ke ukuba likho ilizwi likaYehova kubo, mabambongoze uYehova wemikhosi, ukuze impahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ingayi eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuba bangabaprofeti, yaye ilizwi likaYehova likubo, mabangene kuYehova wemikhosi, ukuze iimpahla eziseleyo endlwini kaYehova nasendlwini kakumkani wakwaYuda zingene bona neYerusalem, musani ukuya eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba bangabashumayeli – ukuba likho kubo ilizwi likaNdikhoyo – mabambongoze uNdikhoyo uSomandla-onke, khon' ukuze impahla eseleyo yendlu yakhe, neyasebhotwe lokumkani wakwaJuda, neyabantu baseJerusalem, ingathinjwa isiwe eBhabheli.” (