Jeremiah 27:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova wemikosi ngazo intsika, nangalo ulwandle, nangazo izikondo, nangesisalela sempahla eziseleyo kwesisixeko,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kuzo iintsika, nangalo ulwandle, nangazo iinqwelwana, nangawo amasalela empahla eseleyo kulo mzi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba utsho uYehova wemikhosi ngokuphathelele iintsika nolwandle ngokuphathelele iziseko nangamasalela eempahla ezishiywe kwesi sixeko:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ukumkani uNebhukadenezare wayebamba ukumkani wakwaJuda uJekoniya, unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, ebasa eBhabheli, wazishiya iintsika kunye netanki yobhedu, neenqwelwana, kunye nezinye izinto ezashiywayo endlwini kaThixo.)