Jeremiah 27:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna ndenzile umhlaba, abantu nezilo ezipezu kwobuso bomhlaba, ngamandla am amakulu, nangengalo yam eyolulweyo, ndandiwunikile kulowo ebekufanele emehlweni am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ndilenzile ihlabathi, umntu lo, neenkomo eziphezu kwehlabathi, ngamandla am amakhulu, nangengalo yam eyolukileyo;ndalinika lowo kuthe tye emehlweni am ukuba ndilinike yena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndenza umhlaba ngamandla am amakhulu nangesandla sam esoluliweyo, umntu nerhamncwa elisemhlabeni, ndawunika lowo ndibone ukulunga kwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Lenziwe ndim ngamandla am amakhulu nengalo yam eyomeleleyo ihlabathi, nabantu abakulo, nezilwanyana ezikulo; ndaye ndilinika nabani na endifuna ukumnika lona.