Jeremiah 27:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakaloku, sendinikele onke lamazwe esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, isicaka sam; namaṙamncwa asendle ndimnikile kwa wona, ukuba amkonze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke mna ndiwanikele onke la mazwe esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, kwanamarhamncwa asendle ndiwanikele kuye ukuba amkhonze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku ke onke la mazwe ndiwanikele esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam; namarhamncwa asendle ndamnika ukuba amkhonze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko onke amazwe enikuwo ndiza kuwanikezela esandleni sikaNebhukadenezare, isicaka sam, ongukumkani waseBhabheli. Nditsho nezilwanyana ezi zasendle ziza kuba zezakhe.