Jeremiah 27:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke izizwe ziya kukonza yena, nonyana wake, nonyana wonyana wake, kude kufike ixesha lelizwe lake nalo: oko ziya kumkonzisa izizwe ezininzi nokumkani abakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kumkhonza zonke iintlanga, yena, nonyana wakhe, nonyana wonyana wakhe, kude kufike ixesha lelakhe ilizwe;zimkhonze ke naye iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke iintlanga ziya kumkhonza yena, nonyana wakhe, nonyana wonyana wakhe, kude kufike ixesha lelizwe lakhe, zikhonze ngaye iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zonke izizwe ziza kuba phantsi kwakhe, nonyana wakhe, nomzukulwana wakhe, lide lifike ixesha lokuwa kwelo lizwe lakhe. Emva koko ke kuya kufika izizwe ngezizwe, zinookumkani bazo abanamagama, zimoyise.