Jeremiah 28:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute kwa ngalomnyaka, ekuqaleni kwobukumkani buka‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, ngowesine umnyaka, ngenyanga yesihlanu, wateta kum u‐Hananiya unyana ka‐Hazure umprofite, owase‐Gibeyone, endlwini kayehoya, pambi kwamehlo abaperisite nabo bonke abantu, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwangaloo mnyaka, ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya, unyana womprofeti uAsiriya, waseGibheyon. Wathi endlwini kaYehova, phambi kwababingeleli nabantu bonke,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke: