Jeremiah 28:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayeteta u‐Hananiya pambi kwamehlo abantu bonke, esiti: Utsho uyehova ukuti: Ngokunjalo ndiya kuyapula iyokwe ka‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, kungekapeli iminyaka mibini, kwa sentanyeni yazo zonke izizwe. Wasuka u‐Jeremiya umprofite wahamba ngendlela yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke. Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uHananiya phambi kwabantu bonke, wathi, Utsho uYehova; Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ezintanyeni zeentlanga zonke iminyaka emibini. Wahamba ke uYeremiya umprofeti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.