Jeremiah 28:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Iyokwe yesincete ndiyifakile entanyeni yezizizwe zonke, zize zimkonze u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone; zaziya kumkonza ke: kanjako namaṙamncwa asendle ndiwanikile kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli;ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeka idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza, ndimnike amarhamncwa elizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”