Jeremiah 28:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jeremiya umprofite wati ku‐Hananiya umprofite: Yiva ke, Hananiya! uyehova akakutumanga: kodwa wena uyatembisa ababantu ebuxokini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko umprofeti uYeremiya wathi kuHananiya umprofeti: “Phulaphula, Hananiya! uYehova akalithumelanga; nisuka nilukholwe ngobuxoki olu hlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini.