Jeremiah 28:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungekapeli iminyaka mibini ndiya kubuyisela kulendawo zonke impahla zendlu kayehova, owati u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wazisusa kulendawo, wazisa e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kweminyaka emibini ndiya kuzibuyisela kule ndawo zonke iimpahla zendlu kaYehova awayezithabathe kule ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni waza wazisa eBhabhiloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare.