Jeremiah 28:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naye u‐Yekoniya unyana ka‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, nabo bonke abatinjwa bakwa‐Juda abaya e‐Babilone, ndobabuyisela kulendawo, utsho uyehova: ngokuba ndiya kuyapula iyokwe yokumkani we‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abaye eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kubabuyisela kule ndawo uYekoniya unyana kaYehoyakim ukumkani wakwaYuda nabo bonke abathinjwa bakwaYuda ababeye eBhabhiloni,” utsho uYehova; kuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabhiloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”