Jeremiah 28:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ewe, wati u‐Jeremiya umprofite: Amene, makenje njalo uyehova! makafeze uyehova amazwi ako uwaprofiteshileyo, ngokubuyisa impahla zendlu kayehova, nabo bonke abatinjwa, e‐Babilone, beze kulendawo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova.Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYeremiya umprofeti, Amen, uyayenza le nto uYehova; uwalimisile uYehova amazwi awawaprofeteleyo, wokuba azibuyisele kule ndawo iimpahla zendlu kaYehova, neento zonke ezibe zithinjelwe eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli!