Jeremiah 29:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ngawo la amazwi encwadi, owayisusayo u‐Jeremiya umprofite e‐Yerusaleme ukuya kwisisalela sabadala bakubatinjwa, nakubaperisite, nakubaprofite, nakubo bonke abantu abebafudusile u‐Nebukanetsare e‐Yerusaleme ukuya e‐Babilone;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngawo la amazwi encwadi awayithumelayo uYeremiya umprofeti, eseYerusalem, kumasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awayebafudusile eYerusalem uNebhukadenetsare, wabasa eBhabheli
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngawo la amazwi encwadi, awayithumelayo uYeremiya umprofeti eYerusalem, kumadoda amakhulu asele ekuthinjweni, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awabafudusayo uNebhukadenetsare eYerusalem ukuya eBhabhiloni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nantsi incwadi eyabhalwa ngumshumayeli uJeremiya eseJerusalem, ebhalela amasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nababingeleli, nabashumayeli, kunye nabantu bonke abathathwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem, baya kuba ngabathinjwa eBhabheli.