Jeremiah 29:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kufunyanwa nini, utsho uyehova, ndibuyise ukutinjwa kwenu, ndinibute kuzo zonke izizwe, nakuzo zonke indawo, apo ndinigxotele kona, utsho uyehova; ndandiya kunibuyisela endaweni, apo ndanenza ukuba nifuduswe kwa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndofunyanwa phakathi kwenu, utsho uYehova; Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanichithangala kuzo, utsho uYehova; ndinibuyisele endaweni endanifudusela kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndithi ndofumaneka, ndize ke mna ndikuphelise kuni ukuthinjwa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndoniqokelela phakathi kwezo ntlanga ndanichitha-chithela kuzo, ndinibuyisele kule ndawo apho ndanisusa khona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.