Jeremiah 29:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kukona uyehova atsho ukuti ngokumkani ohleli eteroneni ka‐Davide, nangabo bonke abantu abahleli kwesisixeko, abazalwana benu abangapumanga nani ukuya ekutinjweni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, utsho uYehova ngokusingisele kukumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahleli kulo mzi, abazalwana benu, abangaphumanga baye nani ekufudusweni:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazini into ayithethayo uYehova ngokumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahlala kwesi sixeko, nangabantakwenu abangazange baye nawe ekuthinjweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngokuphathelele kukumkani osesihlalweni sikaDavide kwakunye nakubantu bonke besi sixeko, amawenu angazanga asiwa ekuthinjweni kunye nani,