Jeremiah 29:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kubaputuma ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo, ndibanikele ekuzanyazanyisweni kubo bonke ubukumkani bomhlaba, babe sisiqalekiswa, nento yokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, nesigxekwa, pakati kwazo zonke izizwe apo ndibagxotele kona:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubasukela ngekrele nangendlala nangendyikitya yokufa, ndibanikele ukuba babe yinto yokunqakulisa kwizikumkani zonke zehlabathi, babe yintshwabulo, nommangaliso, nomsondlo, nesingcikivo, ezintlangeni zonke endabagxothela kuzo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubatshutshisa ngekrele, ngendlala, nangendyikitya yokufa, ndibanyikimise ezikumkanini zonke zehlabathi, babe yintshabhiso, nommangaliso, nesigculelo, nesingcikivo phakathi kwabo zonke iintlanga endibagxothele kuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndobasukela ngekrele nendlala nobhubhani, ndibatsho babe nezothe kuzo zonke iintlanga ehlabathini. Boba sisiqalekiso, izinto ezinezothe ezisisigculelo nesingcikivo naphi na apho ndobagxothela khona.