Jeremiah 29:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ngaye u‐Ahabi unyana ka‐Kolaya, nangaye u‐Zedekiya unyana ka‐Mahaseya, abaprofitesha kuni ubuxoki ngegama lam: Bona ke, ndiya kubanikela esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, oya kubabulala pambi kwamehlo enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngoAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaprofeta ubuxoki egameni lam; Yabona, ndiyabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ubabulale phambi kwakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokubhekiselele kuAhabhi unyana kaKolaya nakuZedekiya unyana kaMaseya abanishumayeza egameni lam bexoka utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Bona ndiza kubanikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ababulale apha ngaphambi kwenu.