Jeremiah 29:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kutatyatwa kwa kubo isiqalekiso, ngabo bonke abatinjwa bakwa‐Juda abase‐Babilone, sokuti: Uyehova makakwenze njengo‐Zedekiya nanjengo‐Ahabi, abebesojwa ngukumkani we‐Babilone emlilweni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ngokuqinisekileyo baya kuqalekiswa ngabo bonke abathinjwa bakwaYuda abaseBhabhiloni, besithi, ‘uYehova uya kukwenza ube njengoZedekiya nanjengoAhabhi owatshisa ukumkani waseBhabhiloni emlilweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke abantu abasiwa ekuthinjweni eBhabheli, befuduswe eJerusalem, bothi xa befuna ukuqalekisa: ‘UNdikhoyo makakufanise noZedekiya noAhabhi abafakwa emlilweni behleli ngukumkani waseBhabheli.’