Jeremiah 29:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yokuba uzitumile incwadi ngegama lako kubo bonke abantu abase‐Yerusaleme, nakuye u‐Tsefaniya unyana ka‐Mahaseya umperisite, nakubo bonke abaperisite, usiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba wena uthumele incwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke, usithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba uthumele iincwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke; kwaye wathi:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Wena wathumela iincwadi egameni lakho kubo bonke abantu baseJerusalem, nakumbingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, nakubo bonke abanye ababingeleli. Wabhalela uZefaniya wenjenje: