Jeremiah 29:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Tuma kubo bonke abasekutinjweni, usiti: Utsho uyehova ngaye u‐Shemaya um‐Nehelami, ukuti: Ngenxa yokuba u‐Shemaya eprofiteshile kuni, nxa bendingamtumanga mna, nokuba enitembisile ebuxokini:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thumela kubo bonke abafudusiweyo, uthi, Utsho uYehova ngokusingisele kuShemaya waseNehelam, ukuthi, Ngenxa enokuba uShemaya eniprofetele, ndingamthumanga mna, wanikholosisa ngobuxoki:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thumela kubo bonke abathinjwa, uthi, Utsho uYehova ngoShemaya waseNehelam; Ngokuba eniprofete uShemaya, ndingamthumanga mna, wanenza nakholwa bubuxoki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Thumela kubantu abangabathinjwa uthi: ‘Nkokusingisele kuShemaya umNehelam uNdikhoyo utsho ukuthi: Ndiza kumohlwaya uShemaya kunye nenzala yakhe, kuba unishumayeza noxa engathunywanga ndim, wanenza nathemba ubuxoki. Ngenxa yoko utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, akayi kuba nanzala konke. Akasobe azibone izinto ezintle endiza kuzenzela abantu bam, kuba kaloku yena ubebafundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”