Jeremiah 29:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Niti kanjalo nifune uxolo lwesixeko apo ndinenzile ukuba nifuduselwe kona, nisitandazele kuyehova; ngokuba eluxolweni lwaso niya kuba noxolo nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nize nizamele uxolo lomzi endinifudusele kuwo, niwuthandazele kuYehova; ngokuba niya kuba noxolo ngoxolo lwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nizamele uxolo lomzi endinifudusele kuwo, niwuthandazele kuYehova; ngokuba niya kuba noxolo ngoxolo lwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zamelani ucwangco kwezo zixeko ndinithumele kuzo, nizithandazele kuNdikhoyo, kuba xa ziba nenkqubela, nani noxhamla kuloo ntlala-kahle.”