Jeremiah 3:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KUTIWA: Ukuba indoda iyandulula umfazi wayo, aze emke kuyo, abe ngowenye indoda, iya kubuyela kuye kanjako na? libe lingayi kudyojwa kakulu na elozwe? kodwa wena uwenzile umbulo nabatandwa abaninzi; buyela kum noke, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi;unokubuyela na ke kum? utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babesithi, Ukuba indoda ithe yamala umfazi wayo, waza umfazi wamala, wendela kwenye indoda, inokumbuyela na loo ndoda? Ngaba elo lizwe aliyi kungcoliswa kakhulu? ke ukrexeze nezithandane ezininzi; buyela kum, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa indoda imalile umkayo, aze yena emke aye kwendela kwenye indoda, ngaba ingaphinda ibuyele kuye? Ngaba ilizwe lobe lingaxajelwanga ngokupheleleyo? Hayi bo! Ubhatyaze nezithandwa zakho ezininzi, Sirayeli, ukanti noko usafuna ukubuyela kum?” Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.