Jeremiah 3:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Buyani, lusapo olupambukileyo! utsho uyehova, ngokuba nditshatile nani; ndandiya kunitabata, emnye kwisixeko, nababini kwisizalwane, ndinizise e‐Ziyone;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Guqukani, nyana bangendawo, utsho uYehova; kuba ndingumtshakazi, yaye ndiya kukuthabatha wedwa esixekweni nababini entsatsheni, ndinizise eZiyon;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon,