Jeremiah 3:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, xeshekweni niya kwanda nicu̔me elizweni, ngemihla leyo, utsho uyehova, akusayi kubuya kutiwe: Ityeya yocebano lukayehova; ayisayi kungena nasentliziyweni; ayisayi kukunjulwa kanjalo; ayisayi kufunwa nokufunwa; ayisayi kubuya yenziwe kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangabi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingathi qatha entliziyweni; ingakhunjulwa ngabo, ingafuneki, ingabuye yenziwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kothi nanda nande ehlabathini ngelo xesha, utsho uYehova, bangabi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; kwaye ayiyi kungena kwiingcinga zabo; khumbula ukuba; kwaye abazange bayivelele; kwaye ayisayi kuphinda yenziwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.