Jeremiah 3:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngemihla leyo indlu ka‐Juda iya kuhamba nendlu ka‐Sirayeli; baya kuvela kwa kunye kulo ilizwe lasenode, ukuza elizweni endandilinika koyihlo benu libe lilifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla iya kuhamba indlu yakwaYuda kunye nendlu yakwaSirayeli, bavele kunye ezweni lasentla, beze ezweni endabanikayo ooyise laba lilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mihla baya kuhamba abantu bendlu kaYuda kunye noonyana bendlu kaSirayeli, bahlangane bevela ezweni lasentla, beze ezweni endalinika ooyihlo ukuba libe lilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”