Jeremiah 3:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko bendisiti: Ndingati nina ukukubeka pakati kwosapo, nokukunika ilizwe elinqwenelekileyo, ilifa elibubuhle bobuhle bezizwe? Ndaza ndati: Uya kundibiza ngokuti: Bawo! waungayi kubuya kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi mna, Azi ndingathini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elinqwenelekayo, ilifa eliligugu lawo amagugu eentlanga? Ndathi, Niya kundibiza ngokuthi, Bawo; ningabuyi ekundilandeleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ke mna, Ndothini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elilungileyo, ilifa elilungileyo phakathi kwamatyala eentlanga? ndathi, Nindibize ngoyise; kwaye andiyi kundishiya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndandiba ndiza kukwenza unyana wam, Sirayeli, ndikwabele umhlaba onqwenelekayo, ilifa eliyokozelayo ukudlula eleentlanga zonke. Ewe, ndandiba ùza kuthi kum: ‘Tata;’ ungaze ukutyeshele ukulandela ekhondweni lam.