Jeremiah 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kubamba ingqumbo yake kude kube ngunapakade na? wo yi gcina ngamaxesha onke na? Bona ke, utetile, wazenza izinto ezikohlakeleyo njengokuba ubunako ukwenje njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wenza ububi, ubufezile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuwugcina na umsindo wakhe ngonaphakade? Ngaba uya kuhlala kude kube sekupheleni? Yabona, uthethe, kwaye wenze okubi kangangoko unakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akunako ukuhlala unomsindo; akuyi kundiqumbela kude kuye esiphelweni.’ Yintetho yakho ke leyo, kodwa wenza amanyundululu kangangoko!”