Jeremiah 3:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAYESITI uyehova kum emihleni ka‐Josiya ukumkani: Ubonile na oko akwenzileyo u‐Sirayeli opambukileyo? Wahamba pezu kwazo zonke intaba ezinde, napantsi kwayo yonke imiti eluhlaza, wawenza umbulo kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na akwenzileyo umbandezeli kaSirayeli? enyuka zonke iintaba ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wahenyuza khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngexesha uJosiya ukumkani wayesesihlalweni, ndafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Uyibonile into andenze yona umkreqikazi uSirayeli? Uhambe ehenyuza ezindulini eziphakamileyo nangaphantsi kwemithi eyokozelayo.