Jeremiah 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati emveni kwokwenza kwake zonke ezi zinto: Buyela kum; kanti akabuyanga; wabona oku udade wake ohanahanisayo, u‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakubona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akwenza konke oko, ndathi, Buyela kum. Kodwa akazange abuye. Wayibona le nto uYuda, udade onemvukelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto.