Jeremiah 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaye ndibona, xeshekweni bendimndulule u‐Sirayeli opambukileyo ngenxa yako konke abeṙexezile ngako, ndamnika incwadi yokulahlwa kwake, ukuba ebengoyiki u‐Juda ohanahanisayo, udade wake, kodwa waya wawenza umbulo kwa yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinika incwadi yokwahlukana nalo, lisuke noko ingininginikazi uYuda, udade walo aloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona, ngenxa yokukrexeza kwakhe umbandezeli kaSirayeli, ndamala, ndamnika incwadi yokwahlukana; Ke yena uYuda, umninawa wakhe, yena ongathembekanga, wasuka naye wakrexeza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo.