Jeremiah 30:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wena, ungoyiki, sicaka sam Yakobi! utsho uyehova; ungetuswa, Sirayeli! ngokuba, bona ke, ndiya kukusindisa kwa kude, nenzalo yako elizweni lokutinjelwa kwako; waeya kubuya u‐Yakobi, abe nokupumla, onwabe, kungeko oya kumnkwantyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena musa ukoyika, wena mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova; musa ukoyika, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukuhlangula kwakude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo; yaye uYakobi uya kubuya aphumle, aphumle, kungabikho bani uya kumothusa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi; nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude, ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo. Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo, kungabe kubekho bani umothusayo.