Jeremiah 30:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndinawe mna, utsho uyehova, ukuba ndikusindise; nangona ndikwenza ukugqitywa kuzo zonke izizwe apo ndikute sa kona, andiyi kwenzela wena ukugqitywa noko; kodwa ndiya kukwohlwaya ngokufanelekileyo, ndingagqibeli ukukuyeka ungabi natyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise;ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele;ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingathi umsulwa kwakanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuba ndikuhlangule; ukuba ndithe ndazitshabalalisa zonke iintlanga endakuphangalalisela kuzo, andiyi kutshabalalisa wena; kodwa ndokhalimela kude kube ngoku, ndingakushiyi msulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndinawe ukuze ndikusindise.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazo ndozitshabalalisa mpela, kodwa wena andiyi kukucima tu igama. Nawe phofu uza kohlwaywa; ndiza kukuqeqesha, phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’