Jeremiah 30:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke abatandwa bako bakulibele, ababuzi ngawe; ngokuba ndikubetile ngesibeto sotshaba, ngesohlwayo sonobukali, ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, ngenxa yokuba izono zako zandile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele;ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abakuthandayo bakulibele; abafuni Wena; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngokobetho lwabanobujorha, ngenxa yobuninzi bobubi bakho; ngokuba zininzi izono zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izithandwa zakho zikulibele zonke; azisacingi nokucinga oku ngawe. Ndikubethe oku kotshaba, ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu, nezono zakho ezininzi.