Jeremiah 30:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko ke, bonke abakudlayo baya kudliwa, nazo zonke intshaba zako, kwa zona zonke, ziya kuya ekutinjweni; baye abo bakupangayo beya kuba yinto yokupangwa, nabo bakufacayo ndobanikela ekufacweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe nabaphangi bakho bonke ndibanikele ekuphangweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke bonke abakudlayo baya kutshabalala; kwaye zonke iintshaba zakho ziya kuya ekuthinjweni, ngasinye sazo; yaye nabani na okuphangayo uya kuphangwa, nabo bonke abo bakuphangayo ndiya kubanikela babe lixhoba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo; bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni. Bonke abakuphangayo nabo bophangwa; nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.