Jeremiah 30:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kubuyisa ukutinjwa kwentente zika‐Yakobi, ndibe netaṙu pezu kwentlalo zake; isixeko siya kwakiwa pezu kweyaso imfumba, nendlukazi, iya kumiwa ngesiko layo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe;umzi wakhelwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Yabona, ndiya kuzibuyisa iintente zikaYakobi, ndiya kuzibabalwa ngezakhiwo zakhe; yaye isixeko siya kwakhiwa phezu kwethemba laso, nebhotwe liya kuma endleleni yaso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe, zidle ngendebe endala, ndibe nemfesane kumzi ngamnye. Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa, nebhotwe lime kwasendaweni yalo.