Jeremiah 30:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo usongcwalisa wabo woba ngowakubo, nompati wabo uya kupuma kwa pakati kwabo; ndiya kumsondeza, waeya kuza kufupi kum: pofu ngubanina lo oyibambisileyo intliziyo yake ukuza kufupi kum? utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iingangamsha zabo ziya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kubo; ndimsondeze, asondele kum; utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkokheli yabo yovela kwakubo, umlawuli aphume phakathi kwabo. Uya kuvela ngokubizwa ndim, asondele kufuphi nam, kungekho bani nje ungade asondele kum ndingambizanga.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.