Jeremiah 30:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, imihla isiza, utsho uyehova, nxa ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bam o‐Sirayeli no‐Juda, utsho uyehova; ndandiya kubabuyisela elizweni endalinikayo koyise babo, baze balifuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyisele ezweni endalinika ooyise, ukuba balime.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda,” utsho uYehova; yaye ndiza kubabuyisela kwilizwe endalinika ookhokho babo, yaye baya kulidla ilifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”