Jeremiah 30:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Buzani ke, nibone, ukuba umntu oyindoda uyazala na? Kunganina ukuba ndibona amadoda onke enezandla zawo esinqeni sawo, njengomfazi oza kuzala, nokuba ubuso bonke buguqulwe baba bumhlope?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabuza ngoku, ubonile na ukuba indoda leyo, ikhulelwe? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke buthe matshamatsha?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawuthi xha, ukhe ucinge: yakha yazala kanene indoda? Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba? Kutheni ematshekile nje?