Jeremiah 30:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuya kuti ngalowamhla, utsho uyehova wemikosi, ndiya kwapula iyokwe yake entanyeni yako, nezinxibo zako ndoziqaula; kanjalo abasemzini abayi kubuya bamkonzise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiya kuyaphula idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonza oonyana bolunye uhlanga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke: ‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo, ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo, bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.