Jeremiah 31:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kuza badanduluke pezu kwendawo epezulu ye‐Ziyone, bele ekulungeni kukayehova, ngenxa yenqolowa, nangenxa yeveyine, nangenxa yeoli, nangenxa yamatole egusha nawenkomo: woti umpefumlo wabo ube njengomyezo ocenceshiweyo; abayi kupinda ukucubuka kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathe amandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko baya kuza bacule ngeZiyon, begalela ukulunga kukaYehova, kunye nengqolowa, newayini entsha, neoli, nempahla emfutshane, neenkomo; umphefumlo wabo uya kuba njengomyezo onyakanyiswa yimvula; kwaye abayi kulila konke konke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon, bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo; ewe, nditsho ingqolowa, newayini entsha, namafutha omnquma, neenkomo neegusha abaphe zona. Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo, bangabi saphinda baxhwaleke.